Iziduko: Xolo
- Dunywa,
- Nzimakhwe,
- Thuse,
- Ntshuntshe,
- Manci,
- Zotsho
Iziduko: Xolo
Iziduko: Skhosana
Novaphi,
Mntungwa,
Ntuthwana,
msikamhlanga,
uNtuthu uyeaqhuma zonke izizwe zabikelana zathi ngabakwaSkhosana.
Iziduko: Ndlela
uNdlela,
uMatyeni,
uNongobe,
isilila gazi njengoba abanye belila iinyembezi,
bakhama indoba yanyela emphandeni,
amaNala amnandi njengebele likabelenyane,
bhekuza enkundleni kwadadeboyise umNtambose
Iziduko Nozulu
Thukela,
Mchumane,
Mbanguba,
Kheswa,
Mpangazitha,
Macocobela yena onempundu ezincinci ezifuna uncanyiswa,
Qhudeni,
Mvelase,
Mathibane,
Ngoza,
Sonyangashe,
Makhonz’ egoduka, Mfazi uncancisa usana ngebele elinye,
Thukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko
Iziduko Miya
Gcwanini,
Sibewu,
Sijekula,
Salakulandelwa
Iziduko Jama
Sijadu,
Fakade,
Njokweni,
Ngxilinoboya,
Dlamini,
Zizi
Iziduko Debeza
OoJebe,
Nonyanya,
Nongoqo,
Mbeka,
Ntshiyini Bathi uqumbile,
Khonkcoshe Mbokodo engava mkwetsho,
Xwebisa,
Nomanjiya,
Mgod’ongeva mkhwitsho,
Shleka nanja,
Longw’elingacholwa nangabafazi. (ubuKumkani bamaMpondomise bulapha, kummandla wase Tsolo, Qumbu & Mthatha)
Iziduko: Jola
Mphankomo, Jolinkomo, Phahlo, Qengeba, Mthwakazi, Sabe, Ndleb’endlovu, Mzi welanga. Somarhwarhwa, Ngwanya, Somadolo, Zwelibanzi, Marholisa, Nomakhala, Njuza, Sthukuthezi, sithandwa mhla kukubi, hoshode, hakaha, mfaz’ obele ‘nye omabele made, oncancisa naphesheya komlambo. Yeyesa, Chirwa, Lembethe, Mgema, Mfaz’obelelide, Gcuma, Ndzabela, Thole lenkwakha, Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi. EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodl’uphila kuzenzela Mayaba, Ngubo ayinxitywa, Mbarha, Bhukhana, Hobo, Zwelibanzi, Zanemvula, Vambane, Ithole lomthwakazi, Mqeke, thayithayi kade bemthibela, mpumlo engqongqosholo njengengulube, ubholokodlela kuphila kuzenzela
Mtimamnde,
Kunene, Majoka,
Nxaba kaMbhekane owabhekana nokuhlupheka,
Madl’uvalo lwengonyama abanye bedl’olwenkomo,
Mthantathwa,
Mnguni wasOndini,
Wena kaNonqewu,
Wena kaMgobhozi,
Ntetha, Vangisa,
Mageza ngobisi abanye begeza ngamanzi,
Mvuna!
Izithakazelo zakwa Msani
Mtimande, Kunene, Majoka, Nxaba, Mbhekane, Madluvalo, Mthantathwa, Mnguni, Nonqewu,
Mgobhozi, Ntetha, Vangisa,
Mvuna, Mageza Ngobisi!
Powered by WordPress & Theme by Anders Norén