Tag: AmaJwarha

Iziduko AmaJwarha | Iziduko zakwa Jwarha 

AmaJwarha | Iziduko zakwa Jwarha

AmaJwarha 

Mtika,

Mazaleni,

Jotela,

Khatiti,

Mnangwe,

Mayarha,

Mbelu,

Ndabase,

Bantw’abahle noba bapheth’ izikhali,

Iziduko zakwaNtu

Iziduko

AmaXhosa – Omthonyama

  • AmaTshawe – Mdange, Tshiwo, Nkosi Yamntu, Ngcwangu
  • AmaKhwemte – Dabane, Gqabaza, Sgadi, Mekhi, Ntswentswe, Fulashe, Nojaholo, Ncibane, Qhanqolo, Ntlokwenyathi, Ngququ, venge.
  • AmaNkabane –  Majeke, Mayeye, Mthiwembotyi, Noqazo, Ndluntsha, Ntleki
  • AmaJwarha – Mtika, Mazaleni, Jotela, Khatiti, Mnangwe, Mayarha, Mbelu, Ndabase, Bantw’abahle noba bapheth’ izikhali,
  • AmaKwayi –  Ngconde, Togu, Ubulawi, Ngcond’oneentshaba
  • AmaCirha – ooNcibane, Khawuta, Nojaholo, Mhlantla, Nyembezana, Mhlathendlovu, uDlakalashe, Ntswentswe, Qhanqolo, Ntlokwenyani, Sihlobo SikaPhalo, Hloml’iphuthi lidala linempondo, MGcaleka
  • Krila – Mbamba, Thangana, Bodlinja, Mbamba, Krila, Rhaso, Mbombo, Gcaleka, Nkomo zibomvu namathol’azo, Nqele, Bhurhu, Mayisithe, Nomazele,  Gobingca, bhukuxa umthondo uwujongise emntwini
  • Qocwa – Zikhali Mazembe, Jojo, Tiyeka, Butsolo Beentonga, Mbizana, Mabombo
  • ama Mpandla – Mbona, Khawuta, Tshayingwe, Tiye, Khiphe, Mandlana, Tukude, Tyede. amaMpandla asuka kuCentane, akhona nase Xesi, eDikeni, eBhofolo, eDutywa, Cofimvaba naku Gatyane.
  • Mtakwenda – Leta, Libele, Tyebelendle, Ngcwadi, Kwangeshe, Mentuko, Mboyi, Solizembe
  • Mboyi – Maleta, Khwangeshe, Mboyi, Swelezembe, Mentuka, Ndesane, Ngwayibanjwa
  • Thangana – Krila, Mtengwana, Rhaso, M’bamba, Bodlinja, Gobingca
  • Nzotho – ooNyelenzi, ooMaphango, ooMagatyana, ooGxugxa, oo Nabelemntwini, ooWele
  • Tyani – Mdumo, Noqobo, Manci, Gabela, Nontshatsha, amaZotsho amahle nenkomo zawo

AbaThembu

  • Madiba – Dlomo, Madiba, Yem-Yem, Vela bambhentsele, Sophitsho, Ngqolomsila, Tubhana, Qhumpase, Ntande, MThembu, Ncikoza, Mtshikilana, Malangana, Bhomoyi.
  • AmaNtande – Dlomo, Sopitsho, Ngqolomsila, Zondwa ziintshaba
  • mQithi – Ndinga, Nkomo ayizali izala ngokuzaliswa, uRhadu, uNomsobodwana, uSopitsho uNgqolomsila uYemyem uVela bembhentsele, Zondwa, MThembu)
  • Ndungwana – u Bhejula uDiya uMaqath’ alukhuni, uVelabembhentsele, uHala, ooNtsundu, Bhomoyi Zondwa zintshaba zingazumenzanto, ooSophitsho, Yem-Yem, uMThembukazi
  • amaNgxongo – ooNtsundu, bhomoyi zondwa zintshaba, osophitsho.
  • AmaGcina – Xhamela, Helushe, Ncancashe, Magwebulikhula, Malambedlile, Nokwindla, Thyopho ka Phato owathyaphakela eXonxa , Gabul’ ikhula, Malamb’ayendle aty’ igusha athi ziz’ duli zethafa, Nxego, Butsolo beentonga, Dlelanga, Ntlonipho (Bahamba bepheth’isali – ihashe bakulifuman’emlungwini, izinto zabantu abazibi koko bayazigcini, bathi iigusha ziziduli zentaba)
  • Qhudeni – UMthembu, uThukela, uQhudeni, uMkhubukeni, uGoza, uMpafane, uMthembu obhuzuzu, odla amathibane az ‘indlala iwile.
  • Maya – oMaya, oYem Yem oSophitsho, oMagwa, oNgqolomsila, oBhomoyi
  • Mpangela -Mvinjwa, Rhoshana, Ndlazi, Dlomo, Sibetho, Magwala, Gwadzi elisilika bubuhle.
  • Mpemvu – Jali, Gongqo, Manqilo, Mvetshane, nomlomo, utik’ay’vumani nepokotho, uNgqawa, umpund’z’tofotofo, umgqub’ aw’pheli kuphel’ iinkomo zodwa, uJuda, uNtlotshane, Bumela, uNgciva
  • Ndala – Ndala ka Momamana, uMncotshe, Msunu Sdumbu, Thole, Ngxunga Smukumuku, Ndithinina )
  • AmaQoma – ooSigqo, Nyohela, Ngubengcuka
  • AmaNdlane – Mdlane – Tutuse, Nomdimba, Hala, Sophitsho, Yem-Yem, Ngqolomsila, Vela bambhentsele, ntlokwanebanzana
  • Zima – Ceduma, Sopitsho, Bhomoyi, Vela bembhentsele.
  • AmaTshatshu – Tubhane, Ngcombolo, Qhumpasi, Mawuse, oonkanda zibomvu….  Angenyuka ke umntu ezintyontyela de ayokuma ku Thembu. Kodwa ke akholisa ngokuphela nganeno koDlomo. AmaTshatshu ngabaThembu baphuma kulandlu kaBhomoyi.
    Aphuma kukunene kukakumkani uDlomo apha azele khona uMawuse. Isizukulwana sikaMawuse uMvangxeni waya wabizwa ngokuba ngu “Tshatshu olithafa”, kususela kwindlela awayesilwa ngayo ezimfazweni. Inzala yakhe ke yabizwa amaTshatshu.

AmaBomvana

  • Gebe (Mgebe/ Hegebe) – Hegeba, Mthembu, Mduduma, Ndala, Ngubengcuka, Ngaleka, Mdiya, Holomisa, Ngwityi, Mkhasela, Bazindlovu.
  • Tshezi – Fakade, Saliwa, Jalamba, Skhabela, Cetshane, Mqal’ ongangenduku, Njilo-njilo kuya ngaselwandle, uKhayi, uGagashe into ka Ganya, uNdela, uNeneza, iNkonjane emnyama ebhab’ emafini, iinzwana zakwaBomvana, iinto ezinomkhitha kodwa zimithond’wemide, iNyoka emnyama ecanda isiziba, uMkhonto, uMalala nentombi ivuke ithi bhuti ndizeke noba kungeshumi leesheleni, inkosi ezingazange zibutheng’ubokhosi. Zinto ezityafileyo ingathi zidla umcuku.
  • Gqwarhu – omhlophe, Khawu, Ntenge, Mtabasa ka Dingana, Jalamba
  • Bhedla – MNqabe, Mpulane, Mtshoni, Khanju, Mnqabe, Sihlahla sesisundu esithi sigawulwa nje sibe sihluma. Ubhangisa abelungu ngentololwane

EzamaGqunukwebe

  • AmaGiqwa –  Mvamba, Jingqi, Jikijwa
  • OoSithathu – MaNdebe, Khophoyi, Chisana, Hase, iinkomo ezimbovu, OoMfene, Hlathi, Lisa, Jambase, Sanzanza, Canzi, Buswayo, Zangomva eliweni, Msuthu.
  • AmaNqarhwane –  Ziduli, Hintsabe
  • AmaSukwini –  Dibashe, Lawu, ooNjez’bomvu, utiki ayivumani nepokotho, umnqayi linqindi, imvaba yiketile
  • Tshonyane, Chungwa, Dikiza, Sawu, Tota, Simke, Khwane, Hani, Zulu, Mthuzimele,  Gqunukhwebe, Nkomo z’bomvu .
  • Cethe – Chizama, Mlanjana, Bhurhuma, Ncenceza, Mbambo zinomongo, yint’ety’inyama ekrwada, uHani, malahl’aluthuthu ayatshisa wawanyathela ungafa
  • Gqunu
  • amaGqwashu

AbeSuthu

  • AmaNgqosini –  Gaba, Mjobi, Thithiba, Cihoshe, Nozinga, Mntu womlambo, Thikoloshe, Ndoko, Mbokodw’emnyama Kahili, Lalashe, Mshweshwe, Msuthu (Ibali liqala eNtsoanatsatsi ngakumlambo iLigwa apho iKumkani yaBafokeng yafikela khona yatshata inzwakazi yesizwe sabaThwa (!Korana)/ Boroa. Oonyana beKumkani yaBafokeng kuthiwa yayingu Mmutle kunye no Motjope. Yathi yakusweleka iKumkani abantu bayo bangafuni ukuba bakhokhelwe nga “Boroanyana”… Iqela elithile laphuma likhokelwa ngu Mmutle lingumxube wabeSuthu kunye nabaThwa, !Korana. Wasuka ke apho e Ntsoanatsatsi ekhokela esi sizwe. uMmutle uzele uGaba. isizwe sakhe sabizwa ngotata wakhe kwathiwa ngamaMmutle, gama elo elatshintsha kwathiwa ngamaVundle. uGaba wayakungena phantsi kwamaXhosa… AmaXhosa aye axakwa sesi sizwe ababuza ukuba Ngqo-sini? (Niloluphi uhlanga)…(Ngqo=Exactly, Siyini/Niyintoni=What kind of people are you?). uGaba njengamntu owayezelwe ngabaThwa, unintsi lwabantu bakhe yayingabaThwa, esaziwa ngokuba ngu (/Ihoshe Gaboa)
  • AmaMfene – Hlathi, Lisa, Jambase, Sanzanza, Canzi, Zangomva eliweni, Msuthu, Ntsilane.
  • AmaVundle – UVundle, uBhayi kaKhetshe, Inyok’emnyama eyacandisiziba, uMevamhlophe aseCamsholo; uGwaca, uMsuthu.
  • Mvulane – Mvulane, Msuthu, Ncilashe, Gwadela, Papashe, Mev’ amhlophe, Camsholo. Zinja zizelana ngemiva ngokunge ziyaxabana, kanti zigil’ imikhuba….
    (Zinintsi ke izindlu zamaMvulane.Enye yazo iqhubeka ithi: Sizila, Gcobani, Wapenga, Ngcuthushe, Nontshuntshe, Wolela, Khaba lasemzini, Sbhuxa, wayipan’ inkom’ iqhwesha, abantu bakuloXhagalithwele.)
  • Mkhumbeni – Bhayi, Khetshe, Vundle, Ncilashe, Inyok’emnyama ecandiziziba, uGwaca, uMevamhlophe, uCamsholo, uNomtshoni, umthokrakra ongatyiwa nazibhokhwe, uZawukana, uMsuthu..
  • Maduna – Nokhala, Msuthu, Gubevu, Jiyane, Mpungushe, Mandl’amakhulu, Nozikadala, Sjekulana, salakumlandela, uMsuthu.Nkabinde, Sivunguvung’ esawis’ indoda emahlangeni, imamba kandidini ngoba ngimesabile, uNokhala owawela ngempalazo eyaphalazwa ngamadoda, Maduna omuhle ngekhala lakhe, isilo esinamadevu emlonyeni, Ngaculende emabalabala njenge ngwe, iinkomo ezingqukuva azibuyi emzini xa bekulotyolwe ngazo, Ngubengcuka, Tiba,  Mvelase, Salathiso, Novikothek’ukuthetha, Mlamb’unqolintaba, UMaduna owaqengqeleka kwiintaba zoLundi wawela umlambo Ithukela ebhinqe izikhakha. Madun’edakeniiii!!!! Malobola ngez’ngadane osaba ezine’mpondo zahlaba abakhwekazi. Laduma izulu uMagqakaza ubengasekho ekhaya!!!
  • Gambu – Memela, Msuthu Nontuli, Ngwekazi
  • Ndzaba – Msuthu, Bhili, Mancoba, Gase, Mwelase, into ezehla ezintabeni/ezinkahlambeni zishubele ngenqatha lehashe…
  • AmaNtshilibe – Bhanqo ka Nondize, Bobese, Ncangase, Schotho, Candela, Langa, Msuthu, Rarhali, Mntshilibe, Mdumane, NkomoZibomvu “inkomo zimangele azifun ungena ebuhlanti” Tshintsha, NcaNdane, uMatse… Aphuma kwisizwe samaSuthu ekuthiwa ngabaKwena. AmaNtshilibe aqala abusa kumaMpondo asuka emka apho aya emaXhoseni.

EzamaMpondo 

  • OoNyawuza – Faku ofakayo, ungathi uyifakile kanti uyikade eboyeni, Yindlana, Dakhile, Thahla,  Ndayeni, Mpondo, Hlamba ngobubend’amanz’ekhona
  • AmaNtlane –  Mfusana, Ndendela, Gxididi
  • AmaZangwa – Khwalo, Mlanjana, Ncuthu, Sohobese, ooNkuma
  • Khwalo – Mzangwa, Ncuthu, Mzangwa, Mlanjana, Mpondozephela, Ungqoqwana, Sohobese.
  • Khwetshube
  • Tshomane
  • Khiwa – Qwebeda, Khonjwayo,Ngcekula, Ndzondela, Hlaka, Ngetu, Phoswa, Silwanyana, Makalanyana, Sikhehlana
  • Machi – uNomfe ayigotywa; igotywa ngethokazi. Ugeza ngobisi xa abanye begeza ngamanzi
  • Ncalamba – uMajika umfazi obele linye, uTshambula
  • Silangwe – Ndukuda Ntobela Mbhabhama Sothongothi Siwisa Mabelekwa nge tawuli Zotsho Mlawu Chutshela isiHlobo semamba
  • Ngcikwa – Mcobothi, Mgogela, Malandelwa yintombi ithi ndizeke, Sgwamp’esmanywampu-nywampu sayizolo, oonomaling’egogoloza, mabhincel’emvakwecango, ooded’inkom’isele
  • Khonjwayo – uChithwayo uzala uKhonjwayo, uKhonjwayo azale uKhiwa, uKhiwa uzele uNgcekula(Inkosi eyayiphethe ngexesha lakudala ihlonitshiwe)uNgcekula uzele uNdzondela kwindlu yake enkulu(Great House) ,noNtsikinyani ekunene(Right House).UNdzondela wazala uHlaka, uHlaka wazala uNgetu, uNgetu wazala uPhoswa, uPhoswa wazala uSilwanyana, uSilwanyana wazala uMakalanyana, uMakalanyana wazala uSikhehlana, uSikhehlana yena uzala uTatana. Ngoku singena kwinzala yendlu yasekunene kaNgcekula, uNtsikinyana uzele uMakhanda, uMakhanda wazala uNogemane kwiGreat House, kwiRight house wazala uThungana. Masiqale kwindlu enkulu, uNogemane uzele uGwadiso(Dumile), uGwadiso wazala uGodloza, uGodloza yena wazala uNtenteni, uNtenteni wazala uGobizithwana(uZwelidumile) waza ke yena uGobizithwana wazala uDumisani inkosi enkulu ephethe isizwe samaKhonjwayo ngoku. Kanti ke uThungana yena wobunene buka Makhanda uzele uSithelo, uSithelo wazala uPhonyela, uPhonyela wazala uMakhizinyani, uMakhizinyani yena wazala uHlathikhulu, uHlathikhulu yena uzala uThulani.

EzamaMpondomise

  • Jola – Mphankomo, Jolinkomo, Phahlo, Qengeba, Mthwakazi, Sabe, Ndleb’endlovu, Mzi welanga. Somarhwarhwa, Ngwanya, Somadolo, Zwelibanzi, Marholisa, Nomakhala, Njuza, Sthukuthezi, sithandwa mhla kukubi, hoshode, hakaha, mfaz’ obele ‘nye omabele made, oncancisa naphesheya komlambo. Yeyesa, Chirwa, Lembethe, Mgema, Mfaz’obelelide, Gcuma, Ndzabela, Thole lenkwakha, Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi. EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodl’uphila kuzenzela Mayaba, Ngubo ayinxitywa, Mbarha, Bhukhana, Hobo, Zwelibanzi, Zanemvula, Vambane, Ithole lomthwakazi, Mqeke, thayithayi kade bemthibela, mpumlo engqongqosholo njengengulube, ubholokodlela kuphila kuzenzela
  • Debeza – OoJebe, Nonyanya, Nongoqo, Mbeka, Ntshiyini Bathi uqumbile, Khonkcoshe Mbokodo engava mkwetsho, Xwebisa, Nomanjiya, Mgod’ongeva mkhwitsho, Shleka nanja, Longw’elingacholwa nangabafazi. (ubuKumkani bamaMpondomise bulapha, kummandla wase Tsolo, Qumbu & Mthatha)
  • AmaMpinga –  Senzwa, Mawawa, Wawuzile, Mbhala ka Nqoshe, Ntoyomntwana ingaphuma uboya ilingene abadala, ingaxhonywa exhantini seyiyeyezinja (ooMpinga ngamaMpondomise. AmaMpondondise sisizwe esisuka kuMpondomise, iwele lika Mpondo, uXesibe eyimfusi… Bobathathu bezalwa ngu Njanya unyana ka Sibiside . UMpondomise uzele uNtose inkulu yakhe, uNtose wazeka amakhosikazi amathathu. Eyokuqala inkosikazi kaNtose yazala uCwera, eyesibini yazala uMpinga, eyesithathu, uNdlunkulu wazala uNgcwina, wayiNkosi uNgcwina. UMpinga lo wazala amawele uMawawa (elidala) kunye noPhahla (elincinci), uMbhusha eyimfusi. UMawawa wazala uSenzwa. uSenzwa wazala uNtomntwana, uNqoshe, uSineka kunye no Debeza, uNqoshe wazala uMbhala.)
  • AmaMpehle – Vengwa, Dikana, Cabashe, Nohushe
  • Skhomo – Umntu womlambo, Tshangisa, Mhlatyana, Rhudulu, uNxub’ongafiyo ofa ngokuvuthelwa, Mngwevu, Jola, Manz’amnyama, Qengebe, Mhaga, Oshode, uNjanye, uNcuku, Zitha, Ngcengane, Bodlinyama, Nonkasa, Ufak’inyama emlanjeni iphum’ivuthiwe, uWashota, intonga yokugqugqisa amankazana phezu komlanjana. Njuza, Nabela Mntwini, Gaduka, Mduma, Zulu khaya labangcwele, Mngwevu, Mpondomise, Ath’amanyamadoda ebal’inkomo abe yena ebal’inkwenkwezi. Isilo somlambo apho zihlelikhona ingwevu zethu ziphulula uswazi lokuqeqesha oomakoti zibafundisa ukuhlonipha ikhaya. Omathandwa mhla kukubi, Hlakanakwena!
  • Gxarha -Cwerha, Vambane, Mahlahla, Mlawu, Potwana
  • AmaNgxabane – Mdatshi, Rhibela, Ncokazi, Meyiwa, Bhodi, Bhabhanomhlehlo, Tyotshana, uSibalankwenkwezi – abany’ abantu bebal’ iinkomo nje, amathol’ omThwakazi, ooNtam’ inemida njengenkunzi, amaMpondomis’ omthonyama nozwane, iziziba zeTsitsa zingenwa ngugqoloma weTsitsa neChulunca kuphela, ooMbambo ezakheke njengezentaka, ooBhenc’ akanantongo, ooSidulana eselubhelu sethafa, ooNonto yenja yinkongolo, beyidla beyithufela!
  • OoNgcitshana – Mbulelwa, Nomkhanzi, Rhonqa, amaQam ooTshemntu
  • OoNxotha
  • AmaQadi – Dosini, Mqadi, Ngqwili, Nondlobe, Ngcwina, Ngwenya
  • OoGcanga
  • OoDosini
  • Nxuba – Mduma, Rhudulu, Mngcengane
  • AmaNgwevu – ooTshangisa, ooSkoma, ooZulu, Oo Mhlatyana, ooRhudulu
  • OoQhinebe – Gqugqugqu, Zithonga-zithathu, Haha, Njemnyama, Nondela, Phazima, Mpondomise, Mlunjwa, Phalela, Mkhomanzi, Duka namahlathi, Umth’ omde owavelela eHoyita!
  • OoMhaga – (noSabe, Amawel’ukuzana, uQwetha noGqubushe)
  • OoMabhengu
  • OoMnjuza
  • OoBhukwana – ooMbara, Mtshobo, Phaphulengonyama, Into ezingaphathwa mntu ngoba zizinkosi ngokwazo
  • OoZongozi – ooSenzela ooPhondo liyagexeza (bazalwa nguNtose kaCirha ikumkani yamaMpondomise, hayi lo wamaXhosa)
  • OoNdobe
  • OoFola
  • OoNxasana – NguSikonza, uNxasana, uTotoba, uDunjane, uMalilelwaziintombi zithi ndizeke, adinamama andinatata, uBhili, uMagazo, uLunguza, gastyeketye umbona obomvu othandwa ngabantwana
  • OoNqana
  • OoDedeza
  • OoKrancolo – Mgema, Msiza, Malamba, Mbuyeni owasela amanzi oMtata, Mbuyeni owadla uMtata, Nombiza ndophule naba abantu besiza, Nombiza ndophule undithathe undibek’ entla undive apho ndimnandikhona. Nyathi, Nonkobe ndophule, Mlanjana, Thole Lomthwakazi.
  • Magoba – ooNziphazi,
  • Mpehle
  • Skhoji – (Inzala ka William Saunders wase Scotland)
  • AmaNdila – Ndila , Nyezile, Qangaza kawongqili, Ndlwan’inisematyeni,  Ndulin’ophezulu,Mndini, Fulela kunetha,Tshunguza, Cekwana,Gadluma, Tshutsha, Simnde, Mtshakazi, Phaphu lengonyama, Jamel’ijekeja, Msili kaNonceba, Roqolombashe, Nomatsinyane, Nomathebe, Mpondomise.
  • Tayi – Senzwa, Mawawa, Wawuzile, Bholokoqoshe, Ntoyomntwana ingaphuma uboya ilingene abadala, ingaxhonywa exhantini seyiyeyezinja (ooMpinga ngamaMpondomise uMpinga uzalwa nguNtose)

AmaMfengu (AmaMfengu ayisosizwe. Eli ligama abantu ababebaleka iimfazwe zeMfecane (1800s) ababebizwa ngayo… Kuba kusithiwa baMfenguzile, babhacile, babalekile, bayishiya imizi yabo bazokwakha kwiMpuma Koloni aquka iqela elithile kumaHlubi, amaBhele, amaZizi, amaNgwane, etc. Bathi xa befika kwelamaXhosa bathi “simfenguzile, sibaleka iimfazwe zemfecane, sicela umhlaba”)

  • Maduna – Gubevu, Nokhala
  • Nkomo – Mntungwa, Khumalo, Mdletye, Sichaba, Dubandlela, Noyila, Mpondozephela
  • Nkwali (Mfengu/Hlubi) – Bhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi, uMagcoba, ULusu lwengwe nengwekazi, umabuzubuzwane, inkonjane emnyama ebhabhela phezulu
  • Tolo – Dlangamandla, Zulu, Mchenge, MaBhanekazi, Nongwandla, Ngwenyankomo, Masali, Mfingo, Amajubantlantsi, Vumba lempongo liyanuka, Nozinja Ziyakhonkotha kuba zithi: Hawu! Hawu! Hawu! Xa zibon’ umnt’ ozayo, Nozinja ziyaqhingana kanti zenz’ umntwana, Umlamb’ awuwelwa uwelwa ziinkonjane kuphela zona zimaphiko made, Nkomo zikaGaxaza, Oonkuni azothiwa kuba zithezwe yinkosazana, Bona babasa amadaka eenkomo zabo, Izinto ezifuye inkomo zafuya negusha nehashe.
  • Dlamini (Zizi) – Zizi, Jama kaSjadu, Mabetshe, Bhanise, Ngxib’inoboya, Fakade, khatsini, mtikitiki, nomana ndab’azithethwa intsuku ngentsuku,bhengu, nonyathi
  • Shweme – Limakhwe, Gqagqane, Gusha, Zilamkhonto, Nolundi, Malilelwa Zintombi zisithi Buti ndizeke, Bhamla, Songololo, Gabuza, Maqumba kuze kuse maxa enomsindo, Mangango Phululwa, Bhamla, Untaba
  • Ndlangisa – Thole, GqagqaneMcaca, Buzini, Welane, Ndlangisa, Nkonjane, Mfingo, Thombeni, Mzimshe, Lwandl aluwelwa, luwelwa ziNkonjane zona ma phiko made, uMpundeshe, uKhweleta, uDuma
  • Jama – Sijadu, Fakade, Njokweni, Ngxilinoboya, Dlamini, Zizi
  • Miya – Gcwanini, Mja, Sibewu, Sijekula, Salakulandelwa, Mancoba, Bhinqel’ ohlanzeni, Ngqongqothwane, Vezi, Ngoma, Rhengqwa
  • Khumalo – Mntungwa, Okhatshwe ngezind’izinyawo, Nangezimfushanyana, UMkhatshwa wawoZimangele, Mbulaz’omnyama, Abathi bedl’umuntu, Bebe bemyenga ngendaba. Abadl’izimf’ezimbili, Ikhambi laphuma lilinye. Lobengula kaMzilikazi, UMzilikazi kaMashobana, Shobana noGasa kaZikode, Zikode kaMkhatshwa. Mabaso owabas’entabeni, Kwadliwa ilanga lishona Bantungw’abancwaba! Zindlovu ezibantu, Zindlovu ezimacocombela. Nina bakwaMawela, Owawel’iZambezi ngezikhali. Nina bakaNkomo zavul’inqaba. Zavul’inqaba ngezimpondo, KwelaseNgome. UNkone evele ngobus’ emdibini, Nina enal’ukudl’umlenze KwaBulawayo! Mantungwa aluhlaza! Mantungw’amahle! Bantwana benkosi, Nina bakwaNtokela! Inkubele abayihlabe ngamanxeba, Abamkhule ngezinyawo ezimfushanyana, Nezimaqhukulwana. Inyang’ abathe beth’ ifil’uZulu, Kanti isiyetheswe, Yetheswe ngoNyakana ka Mpeyana. UBando abalubande balushiy’ uZulu. UNyama yentini yawo Zimangele. UNkomo zavul’inqaba ngezimpondo, Ngoba zavul’iNgome zahamba. UNtshwintshwintshwi kaNoyanda noNdaba. Ndabezitha! Mdletye, Sichaba, Dubandlela, Noyila, Mpondozephela
  • Nozulu, Thukela, Mchumane, Mbanguba, Kheswa, Mpangazitha, Macocobela yena onempundu ezincinci ezifuna uncanyiswa, Qhudeni, Mwelase, Mathibane, Ngoza, Sonyangashe, Makhonz’ egoduka, Mfazi uncancisa usana ngebele elinye, Thukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko
  • Ndlela -Matyeni, Nongobe, isilila gazi njengoba abanye belila iinyembezi, bakhama indoba yanyela emphandeni, amaNala amnandi njengebele likabelenyane, bhekuza enkundleni kwadadeboyise umNtambose
  • AmaBhele – (asuka kwintaba yeLenge, baqhekeke kathathu kuMaliwa, Donga nakuSiphahla-phahla,uDonga noSiphahla-phahla bangenela kumaZulu babangabakwaNtuli,uMaliwa weza kwaGcaleka,uMabandla wehlela kwaGcaleka,uMabandla waya kwaRharhabe,Bhunta uGatsheni/Gatyeni uzalwa nguNdlovu kaMasoka(Masombuka))
  • Gatyeni – Mamali,ndondela,nkomo zibomvu,nywabe, indoda uyivumi nepokoto, ocubungu)
  • Ndlovu – Gatsheni, Boya beNyathi, Obusonga busombuluka, Mpongo ka Zingelwayo, Nina bakwa Ndlovu zidl’ekhaya ngokweswela abelusi, Zabe seziluswa yintombi uDemazane, Nina baka Demaza, Nina bakaKhumbulamagwala Nina bakwasihlangu sihle, Mthiyane! Ngokuthiya amadoda emazibukweni, Mdubusi! (Abakwa Ndlovu oGatsheni bangabe Nguni:
    U-Gatsheni wazala u Lamula,
    U-Lamula wazala u Zingelwayo,
    U-Zingelwayo wazala uMpongo,
    U-Mpongo wazala uNgema,
    U-Ngema wazala uMdingi)ooNdlovu banintsi, kukho ooNdlovu (Gatsheni) abangamaNguni, ooNdlovu (Gabula) abangamaKalanga, ooNdlovu (Mthombeni) abangamaNguni kunye nabanye ooNdlovu
  • Ndlovu – Malunga, Gengezi, Ndlovu zidlekhaya ngenxayoswela umalusi
  • Skhosana – Skhosana, Novaphi, Mntungwa, Ntuthwana, msikamhlanga, uNtuthu uyeaqhuma zonke izizwe zabikelana zathi ngabakwaSkhosana.
  • Tenza
  • Xolo – Dunywa, Nzimakhwe, Thuse, Ntshuntshe,  Manci, Zotsho
  • Yirha – Sampu, Ziyeka, Mzondi, Thambo lenyoka elingahlabi mntu, lihlaba elimzondayo, thyopo ka Phato awatyaphakela eXonxa, gabul’ikhula, Malamb’ayendle, aty’igusha athi ziz’duli zethafa, mahamba ephethe isali athi ihashi uyakulifumana emlungwini, Gcina, izinto zabantu abazibi koko bayazigcina
  • Zulu – Ntombela, Mahlahlula emaduneni, Tshaka

AmaHlubi

Hlubi, Bhungane, Bhungane kaNsele, Zikode!Bhungane wenza ngakuningi, Makhulukhulu, Umkhulu Nkulunkulu kodwa awunganga Bhungane, UNkulunkulu uziqu zintathu, kodwa uBhungane uziqu zingamakhulukhulu, Mthimkhulu, Mashiya amahle, amade anjenge nyamazane, Mafuz’ afulele njengelifu lemvula, mashubel’esavela. S’goloza esimehlo abomvu esibheka umuntu kubengathi siyamujamela, Ndlubu ezamila ebubini bamadoda, Ndlubu ezamila emthondweni (kwasothondose)
Nina enindlebe zikhanya iLanga, Nina enindlebe zinhle zombili, Nina bosiba olude olungakhothami ndlwaneni kodwa kwezinde luyakhothama, Nina omagawula imithi emincane emikhulu ivele iziwele
Mahlubi amahle,  MaNgelengele amahle, Nina maHlubi anzipho zimnyama ngokuqhwayana
Mashwabade owashwabadela inkomo kanye nezimpondo zayo

    • Rhadebe – Bhungane, Mthimkhulu, Ndlebentle’zombini, Makhulukhulu, Mafuz’ afulele njengelifu lemvula, Mashwabada owashwabadel’ inkomo nempondo zayo, Mbucwa, Zikode, Sbhushwana, Ngelengele.
    • Dontsa – oNoDlidlu, oNoDlabathi, oSwahla, oMntungwa uNdukuMkhonto, uShembe, bath’ uDontsa akananyongo kant’ abay’bon’ uba igqunywe ngesbhadlalala so mhlehlo
    • Nkwali (Mfengu/Hlubi) – Bhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi, Enyon’ engadliwa ngabafokazana idliwa ngamakhosi. Buz’ elikhul’ elagedl’ umhlanga, Kwavel’ amaBuz’ abuzwana. NgabakwaNongubo-ntloko. Abanye bazitetil’ abanye bazithwele. Inkwali yintak’ engcondo zibomvu Edla ikhethe lomfula (Nkwali uzala u Maphela no Mlabatheki , uMlabatheki azale u Bhukula)
    • Kheswa – noZulu, Mpafane, Mchumane, Mpangazitha, Macocobela, Mbanguba, Thukela
    • Mbanjwa –  Gebane, Mpethwana, Mavuso
    • Ngcoza – Bhungane, Mthimkhulu, Ndlebentle’zombini, Makhulukhulu, Mafuz’ afulele njengelifu lemvula, Mashwabada owashwabadel’ inkomo nempondo zayo, Mbucwa, Zikode
    • Nala – Ndokose Mpembe noNgquma
    • AmaNkala, oVumisa, oMphandana, oMnabise, oThiyane, aMangelengele

 

  • Nozulu, Thukela, Mchumane, Mbanguba, Kheswa, Mpangazitha, Macocobela yena onempundu ezincinci ezifuna uncanyiswa, Qhudeni, Mwelase, Mathibane, Ngoza, Sonyangashe, Makhonz’ egoduka, Mfazi uncancisa usana ngebele elinye, Thukela umlambo ongawelwayo uwelwa ziinkonjane zodwa, zona zidlisela ngamaphiko

 

AmaBhaca

  • Zulu – OoZulu, Khalimeshe, Nofisa ongafi, ofa ngamaloyo. Mageba Ndabezitha ,  ooNombuso ooVebi ooWabane. Mafula ngesibumbu ngexa yokuswela ingobozi, Notibunwana etincane ngokwuswela tona, onato ufute kulo nyoko, Thole leSilo ngoba yiSilo ngokwaso…
  • Wushe – ooMjoli, Phathwa, Qubulashe, Mthsi owathsi ukuwa wabhekisa amasebe eThukela, Nonkasa, Mbedu, omaphungel’ esosini amakomitshi ekhona, masindza ngonwalu itizwana tisindza ngobulongwe, Godongwana kaMjoli ka Bekwa kaWushe ka Lufulwenja kaMageba.
  • Mjoli – Qubulashe, Indlu kaSondzaba, Hlathi, Nonina, Mswanzeli, Nokholwa wokwakhe, Wabane, Maqholo, Mthi owathi ukuwa wabekisa amasebe eThukela, Nyawo, Danisa, Ntundzela, uMalandelwa zintombi zithi ndizeke, Babalo, mzimvubu, Izotshw’elihle, Uphika-nelanga, uNoma-ndzondzo, uMshwawu, uDlilanga, oBuso bumnyama ngathi sisonka sojiwe
  • AmaChiya – ooGalweni, ooChiya wohlanga, Sodladla, Magangadz’ udonga kuvuleke indlela, cwangu cwangu.
  • AmaMpovane – Siwela, Vitsheka, Matalankosi, Songiwe, Nomlakalakane, Gubudza Nyamana
  • AmaDzanibe – Nqolo, Gaba kathsayithsi omahlambahlaletsheni ngenxa yokuswel’itawuli, abantu abangayekhathsi imbola ngoba bahleli bebahle, bakhi bexonya bangaleluki
  • AmaNcwabe
  • AmaJili  – Jili, Masengwa, Msingawothi, Vilakazi, Gqagqa, Nomjoli, Cholo. ooMaseng’ inkomo noba ilele ngenxayokuthsandza intusi
  • AmaJuqu / Jzhuqu – Ngqiza, Juleka, Matalankosi, Sigwamba sentswangu, Xabanisa abantu belungisa, Zibutha kandaka-ndaka, Mlibati.
  • Mweli – Jili, Msingawuthi, Ngqambela, Sibakhulu, Ntlangwini senebathat yaseMakhuzeni
  • AmaNdlangisa – Thole, Gqagqane, Buzini, Ndlangisa, Mzimshe, Lwandle
  • AmaTshezi – Jalamba, Mqalungangenduku,
  • AmaTolo – ooTolo, ooDlangamandla, Mchenge Mabhanekazi
  • AmaJuta – OoJuta, Mencwa, Sjekula
  • AmaGusha
  • AmaNjilo – Manci, Mkhonde, iS’khonde esikrakrayo, iNdlovu esikwa ihambha, Vela bethetha, Njilo, Balisa, Debule, Msokweni, Silwa nenkunzi mbini, Kubhej’umsobomvu, Wabane, Tyani, Bhekiso, Ndlov’edli goduka, Mbali, Mdludla odludl’amthambek’ebhek’othukela, Qolo, Zotsho, Mabandla kamaqolo, Maqolo engqelezintabeni, Tshitshis’intaba, Mdludla ka Bekiso, Zinde Zinde, Zinemiqala engenamqala sisilima
  • Ntshele – Zotsho, Ndokhala, Nomabhunga ,Mthetho, Wabane, Qholo, Mbali, Mkhonde, Mdludla KaBekiso          (AmaNtshele ayinxalenye yamaZotsho, kwaye afumaneka kwizizwe ngezizwe. Akhona aphantsi kwamaMpondo, kumaXhosa, amanye aphantsi kwamaBhaca, ukanti amanye akumaMfengu kodwa ke ngokomnombo awanabudlelwane nezizizwe.)
  • AmaKhambule – Khambule Mncube Mayela omalandelwa yintombi ithsi bhuti nditeke
  • AmaMbothwe/ Mbotho – Myalo, Thoyane, Mtshikilana, Ntsindane, Mazama, Njongo, Fulela wanetha, Manyawo zibomvu. Mbothwe, Mlibati xabanisa abantu belungisa bona abangayi ebhoshi baze baye ngosuku lwesithathu, oMatalankosi abantu abangafi noba kunini abafa mhla kuthande bona. Nomtshwe.
  • AmaDladla – Molo, Seng’ inyathi, Mlambo, Ncwabane, Khakhaza
  • AmaBhele – Dlambulo, Khuboni, Qunta, Mafu, Langa, Mnomana, Mbutho, Ncwana, noNtanda kuphakanyiswa, Ulanga lokulunga, Umbutho, noMbikazi ngob’umnt’ogxathu akalahlwa,  umafuza afulele njengelifu, Ndabezitha, uNtshangase, Madiba-ndlela. Iinto ezidiba de zidibe nendlela, Unontanda Usengel’abantwana xa likhithika, unosepha ayigijimi iyakhokhoba ukubhek’ eluqala, undamane, amyengane, amayekethe, Undlwana zinamaphela phez’ukwentab kalenge, othebul’ukunatha nje ngabendl’enkulu Umakhunga, unkilane, umabandla, uvaphi, Iintw’ezimpundu zinga zingongiwa, Amatya egoduka khon’ukuze angathinjwa lithambo lasemzin, nditsh’abaty’isikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo. Inyathi eyasinda abazingeli sebeyosele, izinto ezingawudliyo umbilini wenkomo, zidla owenyamakazi yon’ihlal’emahlathini; Ingab’asilobhele elo, ngoba ibhele laphekwa nelitye lenyengane, lavuthwa ilitye, lasala ibhele lihleli, amaBhele izinto eziqhwanyaza ngemali. Zibunywana zibutshelezana zinga zingazingangiwa ngabakhwekazi, Bhedlana lase Lenge, amaBhele asicoco sinuka intsindwana amakrokrozela njengelifu lemvula, Mphemba abantu Bephemba ngamabele kanti abafokazana baphemba ngamaphepha, Silo sase Lenge ngwane yezixhobo zothukela, umthan’ ontyingantyingana omi phezu kwentaba.
  • AmaGamedze – Mntimande, Bhambolunye tingaba mbini tifute ekhaya kulonyoko
  • AmaHlubi – (hayi isizwe samaHlubi kaLangalibalile, kodwa itibonga nabantu ababesuka kwisizwe samaHlubi)umzekelo ooRhadebe – Mafuz’ afulele njengefu lemvula! Mashwabada,  owashwabadel’ inkomo kanye nempondotayo!
  • AmaDlamini – (hayi isizwe samaDlamini, kodwa abanye abantu bakwaDlamini ngesiduko)
  • AbakwaMasoka
  • AmaXesibe – (hayi abantu besizwe samaXesibe kaXesibe wakuloMpondo noMpondomise, kodwa kukhona abantu abangena phasi kukaMadzikane bamaXesibe) oo Ncosa ooBhuku Sinqashe Nkamangane Mfazi webelelide elancelisa ingane phesheya komfula uMganu Sabela wabizwa emazibukweni Xesibe
  • AmaBhovu – ooDumela oMvaw’bhekwa ubhekwa abawatiyo ooGxumisa
  • AmaNguse – ooFola Fakade Mabembe khabekhulu Fol’odlilaxa Nguse Ngubezizwe unyawunyawu
  • AmaGebashe –
  • AmaDzana – OoDzana oKhatsini omncwabe omfupi
  • Sinama – Rhadu, Mjoli, Somadoda, Fikeni, Nhlumayo, Gcuma, Malandelwa yintombi ithi ndizeke noba kungesipha samazimba, Iintombi ezinamadhusu amhlophe ngathi zihlamba ngobisi, Wulawula mathole endlovu
  • Mbanjwa – Gebane, Mpethwana, Mavuso

AmaXesibe

  • Xesibe – Nxanda kaXesibe, Mnune, Mkhuma, Nondzaba, Mbathane, Nondize, Bhelesi, Matshaya ngenqaw’ende abanye betshaya ngezimfutshane, Nxele, Bhimbi, Khandanyawana, Mayitshin’eyibheka njengomntwana, Mantsaka, Mganu. Tshomela ka Matsho.
  • Qwathi – Dikela, Noni, Noqaz’ indlela. Iinkomo zikaXesibe, zikaJojo, zikaMtshutshumbe, ogqaz’indlel’ebhek’ebuNguni, uNtswayibane, uDumbe ka noBangula.  KumaQwathi kukho amaDikela, amaTshaba, ooSdindi, ooBhlangwe, ooBhose, amaNzolo, imiNcayi, amaNtondo, amaKhombayo, ooMkhondweni, amaVumbe, ooKhebesi, amaBangula, amaDumba, ooMhotho, ooCakeni, ooBhabha, amaMvala, amaDabisa, ooS’ximba, etc.
  • Mambi – Nxontsa ka Xesibe, uBhulingwe kuvele imamba, uNtabazikude zikuMganu, Mntshontsho, uSabela uyabizwa emazibukweni)
  • Matshaya – Mbathane
  • Bhulangwe/ Bhlangwe – ooDikela, ooNoni, ooNtswayibane, ooMnyamana, ooNomatyala, ooMalawana, ooNyembezana

 

Powered by WordPress & Theme by Anders Norén

error: